Skip to main content
IsiXhosa | UMphathiswa Barbara Creecy: IVoti yoHlahlo lwaBiwomali luka-2022/2023 – INdlu yoWisomthetho | National Assembly (NA)

IsiXhosa | UMphathiswa Barbara Creecy: IVoti yoHlahlo lwaBiwomali luka-2022/2023 – INdlu yoWisomthetho | National Assembly (NA)

IsiXhosa | UMphathiswa Barbara Creecy: IVoti yoHlahlo lwaBiwomali luka-2022/2023 – INdlu yoWisomthetho | National Assembly (NA)
18 May 2022

Sihlalo weNdlu oBekekileyo;
Sekela Mphathiswa Wethu Nks Makhotso Sotyu;
Sihlalo oBekekileyo Nks Faith Muthambi kunye namaLungu eKomiti;
BooSihlalo baMaziko aphantsi kwe-DFFE;
Mlawuli Jikelele, Nks Nomfundo Tshabalala;
Ii-CEO zamaZiko erhu kaRhulumente;
Manenekazi namanene

Molweni

Ngobusuku bowe-11 Epreli uNksk. Thembisa Nomlala uMxhasi wokusiNgqongileyo wakumaTyotyombe ase-Quarry Road West kwiSixeko saseThekwini, wayeme ethe gabhu emanzini amdaka ezikhukula ephethe umzukulwana wakhe omncinci, ngexa ekhupha ekwasindisa abantu ahlala nabo.

Esebenzisa ulwazi oluqhagamshelwe kwisathelayithi, iNkqubo yokuLumkisa ngeziKhukula kwaNgoko yena kunye nabanye abaXhasi bokusiNgqongileyo bakwazi ukusindisa umntu omnye, njengoko uMlambo iPalmiet wawukhukulisa amakhaya angama-450 kwindawo ahlala kuyo.

Amava akhe othusayo ngobo busuku bubi abonakalisa intlekele enkulu eluntwini oko kwiPhaneli yeHlabathi yesi-6 oko okuvele kwingxelo yoTshintsho lweMozulu.  Olu xwebhu lunezigaba ezithathu luqinisekisa utshintsho lwemozulu lwenze ukuba kube khona iintlekele ezimandla ebantwini, kuqoqosho kunye nakwihlabathi ngokwalo namhlanje.

Intsokolo yabahlali bakumaTyotyombe ase-Quarry Road West ibonisa loo nto ihlala ikhankanywa njalo neyinene yokuba  abasetyhini nabantwana ingakumbi, abahlala kwiimeko zobuhlwempu, ngabona basesichengeni kutshintsho lwemozulu.

Kodwa uNksk. Nomlala noogxa bakhe abaXhasa okusiNgqongileyo abakwiNkqubo yoLawulo yoTshintsho loMlambo, basiphathele umyalezo obalulekileyo nonamandla: akufanelanga ukuba luzibone lungenamandla uluntu olusesichengeni kwimeko yoTshintsho lweMozulu.

Intsebenziswano, efana nale, equka uluNtu lwaseQuarry Road West, iSixeko saseThekwini, kunye neYunivesiti yaKwaZulu Natali inokudlala indima ebalulekileyo ekwenzeni ukuba loomelele ngokukhawuleza uluntu olusesichengeni.

Njengoko sijongene nongxamiseko lwentlekele yemozulu, kuza kufuneka somelele ngokukhawuleza kwimozulu  nakwinkqubo xa iyonke kwaye ingqalelo ekhethekileyo kufuneka inikwe ingakumbi ebantwini, imizi kunye noluntu olusesichengeni.

Umsebenzi owenziwayo ngoku yiKomishoni yeMozulu kaMongameli wokuxhasa ukusekwa kananjalo kweNkqubosikhokelo yeNgququ eFanelekileyo eMzantsi Afrika usixelela ukuba wonke umntu ochaphazelekileyo kufuneka abe yinxenye yokuphuhlisa izisombululo; kufuneka kube khona ulwabiwo olunobulungisa lwemingcipheko kunye namathuba ukuze abasebenzi kunye noluntu olusesichengeni bangathwali mthwalo wotshintsho kwaye inkqubo inokuphumelela ukuba isinceda ngeenjongo zethu zophuhliso ezibanzi, ezizezi, uquko kwezoqoqosho, ingqesho kunye nokwakhiwa koluntu olulingana ngokungaphaya. 

Ngexa sisalinde le Ndlu ibekekileyo ukuba ithathele ingqalelo umThetho oYilwayo weMozulu siyila ulwakhiwo lwezakhiwo zasekhaya zokunciphisa kunye noqhelaniso kuTshintsho lweMozulu.

Ngokungqinelana neGalelo eliMiselweyo leSizwe (Nationally Determined Contribution) (NDC) lwethu lebhongo eliqwalwaselweyo kwakhona ukwehliswa kokukhutshwa kweegesi ezibamba ubushushu kwiatmosfere, siphuhlise  inkqubosikhokelo yoJoliso lokuKhupha lweCandelo (Sectoral Emission Targets) (ii-SET) echaza iinjongo zokunciphisa ukukhutshwa kumacandelo angundoqo oqoqosho.  Inkqubo yokwaba ii-SET iza kuqala  kunyakamali ka-2022/23.

Kwiminyaka emibini edlulileyo, iKhabhinethi yavuma iSicwangciso soQhelaniso soTshintsho lweMozulu seSizwe.  Ukuza kuthi ga, sibaxhase bonke oomasipala bezithili abangama-44 ukuphuhlisa izicwangciso zoqhelaniso lotshintsho lwemozulu.  Umsebenzi wangoku uquka inkxaso yokuqinisekisa ukuhlanganiswa kwezinto eziphambili kwimozulu kwiziCwangciso zoPhuhliso oluHlanganisiweyo.

IQela loMsebenzi wezeziMali kwiMozulu likaMongameli, elikhokelwa nguMnu Daniel Mminele, likhokela iqela lobuchwepheshe ukuze liqonde iinkcukacha ezipheleleyo zomnikelo wamazwe aphuhlileyo okuhlanganisa ama- $8.5 eebhiliyoni (I-R131 leebhiliyoni) kule minyaka mithathu ukuya kwemihlanu ezayo ukuxhasa ukuphunyezwa  kwe-NDC yethu eqwalwaselweyo kwakhona kunye nokuqala iNguqu enobuLungisa yethu.   

Malungu abekekileyo,

Ezindabeni kutsha nje kuye kwakho amathandabuzo ngokukwazi kweNkonzo yezeMozulu ukuthelekelela izihlo ezimandla zemozulu kunye nokukhusela abemi bethu kwiimpembembelelo zotshintsho lwemozulu.  Aziyonyani ezi ngxelo. Izilumkiso zemozulu zikhutshiwe phambi kwezikhukula  zowe-11-12 Epreli kwaye zahlaziywa ngokobukhulu besihlo semozulu,  ukuya kwisiLumkiso seNqanaba lesi-5 ngentseni yowe-11 Epreli kunye nakwisilumkiso seNqanaba lesi-8 okanye iimpembelelo ezimandundu  ngeyesi-8 ebusuku ngobo busuku.

Ukuqinisekisa ukuba nangaphandle kweentsilelo zengeniso, ukukwazi kwethu ukuqikelela kwenze ukuba sabele iNkonzo yeMozulu yoMzantsi Afrika i-R100 lezigidi  kwiminyaka emithathu ukulungisa izakhiwo, siqala nge-R15 lezigidi ngo-2021-2022.

Njengoko nisazi, siyaqhuba ukujongana nongcoliseko lomoya kwimimandla emithathu ephambili yamashishini aphezulu kaNxantathu weLigwa, kwimimandla yeHighveld neWaterberg-Bojanala.

Imimiselo yokuphumeza kunye nokunyanzela izicwangciso zolawulo lomgangatho womoya ziza kupapashwa phambi kokuphela kuka-2022.

Okwangoku kukho izibheno ezili-10 ezichasene nezigqibo ezenziwe liGosa loMgangatho woMoya leSizwe leSebe ngokunxulumene nezicelo zokunqunyanyiswa okanye ukumiselwa elinye ixesha kokuthotyelwa kweMigangatho yokuKhupha okububuNcinane kunye kokukhutshwa kweeMvume zokuKhuphela kwiAtmosfere kweXeshana.

Ngexa izibheno ezithile zavunywa, ezinye zakhatywa. 

Ngenxa yobunzima kunye nembambano kwimiba ephakanyisiweyo kwizibheno ezifunyenweyo, ndiza kwenza kusebenze inkqubo ngokweCandelo  3A lomThetho woLawulo lokusiNgqongileyo weSizwe ukuba indicebise kwizibheno.

Sele ndizifakile kwigazethi izimemo zonyulo lwephaneli yeengcali ukuba zithathele ingqalelo ubungqina bomlomo kunye nobubhaliweyo kule micimbi ibaluleke kangaka. ISikowupu neMida ziphuhlisiwe kwaye zifakwe kwigazethi njengenxenye yesimemo.

Malungu abekekileyo,

Kunyaka ophelileyo ndikhuphe iNgxelo yePhaneli ekwiNqanaba eliPhezulu eye yaqwalasela imigaqonkqubo, umthetho, nemisebenzi enxulumene nolawulo, ukufuya, ukuzingela, urhwebo kunye nokujongana neendlovu, iingonyama, amahlosi nemikhombe.

NgoJuni ka-2021 iSebe lakhupha uMqaqonkqubo oqulunqiweyo ukuze uluntu lunike izimvo ezazifaka iziphakamiso ezithile ezingundoqo zephaneli. Inkqubo yokunikwa kwezimvo luluntu yafumana izimvo ezingaphezulu kwama- 9000 ngezimvo ezahlukeneyo. 

Ngokufanelekileyo, iSebe ligqibe ekubeni liqhube nophuhliso lwePhepha leNgcaciso Nkqubo kuLondolozo kunye nokuSetyenziswa ngokuziNzileyo kweNdalo yaseMzantsi Afrika.

IPhepha leNgcaciso Nkqubo liza kuthathelwa ingqalelo yiKhabhinethi ngoJuni kulo nyaka, apho emva koko liza kupapashelwa izimvo zoluntu.

Akufanelanga ukuba silindele iPherpha leNgcaciso Nkqubo ukuzenza zibe sesikweni iindlela kunye nezenzo ezitsha ngokungqinelana neziphakamiso zePhaneli yeNqanaba eliPhezulu. Amanyathelo athile anokuqhuba ngoku ngokusekelwe koko kuvunyelwen ngako macala.

Kumba weshishini lokubanjwa kweengonyama, ndineenjongo zokuseka iPhaneli yeeNgcali ukuba ziqulunqe kwaye zongamele ukuphunyezwa kwesicwangciso sokuphuma ngokuzithandela kwabo banqwenela ukuthatha inxaxheba.

Ndiyakholwa ukuba ngokuzibandakanya kunye nokusebenza namahlakani, sinokuphuhlisa isicwangciso sokuzithandela esinokunciphiza iingozi, kuquka neziphumo kuqoqosho lwasekhaya, ukudalwa lwemisebenzi kunye nentlalontle nempilontle yeengonyama ngokwazo.

Le phaneli iza kuba nesikowupu kunye nemida echazwe ngokucacileyo, kunye namaxesha amiselweyo amafutshane, ukuze kube nako ukwenziwa kusebenze isindululo se-HLP, kunye nesigqibo esivela kwiKholokhiyam yePalamente ka-2018 kwiiNgonyama.

UMzantsi Afrika kananjalo ufuna isicwangciso sokufunyanwa kwezilwanyana kumkhombe omhlophe, eso sithathela ingqalelo intlekele yokuzingela ngokungekho mthethweni, kunye nokuba singakwazi ukuzifuyela eyethu imikhombe emhlophe kwiimo ezingqongileyo ngeenjongo zolondolozo ndalo, kuxhaswa ukulondolozwa kwemikhombe kwiinkqubo zobomi basendle.

Ndiyakholwa ukuba isicwangciso esinjalo sinokuphuhliswa ngentsebenziswano nabanini mikhombe babucala, oko kusenza kusebenze izindululo zePhaneli kwindlela eyonelisa onke amaqela abandakanyekayo.  Ndicele iSANParks ukuba ikhokele uphuhliso lwesicwangciso sokubuyisela esinjalo njengomba ongundoqo womsebenzi wayo kulo nyakamali.

IPalamente iluvumile utshintsho kumThetho woLawulo lokusiNgqongileyo weSizwe: iNdalo, oluza kwenza lwenzeke uphuhliso lomthetho kwinqanaba lesizwe lowo unxulumene nempilontle yezilwanyana zasendle.

Sikwinkqubo yokuseka iqumrhu lentlalontle yezilwanyana zaselwandle eliza kukhuthaza ulondolozo lwendalo kunye nokusetyenziswa nokulawulwa ngokuzinzileyo kwindalo, ngokuthatha uxanduva nangokunobuntu kwizilwanyana zasendle.

Malungu abekekileyo,

Kuyandivuyisa ukubhengeza namhlanje ukuba sihlawule amabango omhlaba angama-58 kwangama-66 kwimimandla ekhuselweyo ebichongelwe ukusonjululwa ngokukhawuleza ngexa leNkomfa yesi-8 yabaNtu neepaki eyayibanjwe eLimpopo ngo-2018. Umbulelo wam okhethekileyo uya kwiKomishoni yamBango oMhlaba kunye noMphathiswa uNks.Thoko Didiza ngobunkokeli bakhe.

Okuxhalabisa kakhulu kum ngamabango omhaba angekasonjululwa kwiKruger National Park (KNP) . Ndifuna ukuncoma iBhodi yeSANParks nabaLawuli beKruger National Park ngamandla amatsha abawabonisa ezintlanganisweni nooGunyaziwe beMveli ukugqibezela amabango omhlaba anzima ngendlela equka ngokungaphaya eza kubanceda kakhulu abantu ababandakanyekayo.

iSimangaliso Wetland Park neSANParks baye basingatha iinkomfa zabatyalimali ekuqaleni konyaka ukutsala utyalomali lwecandelo labucala kumathuba okhenketho amatsha kunye nalawo sele ekhona.

Zombini iinkomfa zotyalomali zize ngelona xesha libalulekileyo kwiSicwangciso soKwakha ngokuTsha nokuBuyisa sezoQoqosho xa sisonke eso ukubuyiswa kokhenketho kunye nokukhula kwizinto eziphambili ezintlanu kunye notyalomali kwizakhiwo kunye namangenelo ekhabhoni esezantsi.  

Silindele iiprojekthi eziza kwaziswa kubatyalimali abaxhasa ukudalwa kwemisebenzi okukhawuleziswayo kuluntu lwasemaphandleni abasemideni weepaki apho kukho khona okwangoku amanye amathuba ambalwa okuphila okuzinzileyo.

Ngomzamo wokudala amathuba angaphaya omsebenzi kuluntu lwengingqi oluhlala kufutshane nemimandla ekhuselweyo kunye nenkxaso kumashishini amancinane naphakathi, kulo nyaka, iSebe liza kwenza utyalomali olungaphaya kukhuselo kunye nakulondolozo lwemithombo yendalo.   Ngentsebenziswano neSANParks, SANBI, neiSimangaliso, siza kudala amathuba emisebenzi engama-8 315  (ngePotifoliyo ye-NRM (Natural Resource Management)((ULawulo lwemiThombo yeNdalo) yethu) ejolise ekulawuleni iintlobo zezityalo eziyingozi, ukubuyisela kwimo yangaphambili imimandla yomhlaba owomileyo eyonakeleyo ngokunjalo nokubuyisela kwimo yangaphambili imigxobhozo eyonakeleyo.

Ngaphaya koko, siza kudala ama-2646 angaphaya amathuba emisebenzi kwimimandla ekhuselweyo oko kusenziwa ngeNkqubo yoKhuselo lokusiNgqongileyo nezaKhiwo eza kulungisa kwaye ivuselele izakhiwo kwimimandla ekhuselweyo  nezitiya zezityalo. 

Malungu abekekileyo,

Ukugcina ilizwe lethu licocekile kunye nokususa inkunkuma engafunekiyo nembi kokusingqongileyo kwethu kusasele kuyinxenye ebalulekileyo yesibophelelo sethu esokubonelela ngokusingqongileyo okunempilo kumntu wonke onokuhlala kuko.

Kulo nyaka uphelileyo, siye sawisa iMimiselo ngamaXanduva oMvelisi aNatyisiweyo anyanzelekileyo ngenjongo yokunciphisa umthwalo koomasipala ukuba bahambise iinkonzo zenkunkuma elizweni liphela.

Imimiselo yokulawulwa kwenkunkuma evela kwizityalo nezilwanyana, kunye nokwenziwa isivundiso kwenkunkuma evela kwizityalo nezilwanyana, nayo ipapashelwe kananjalo ukuphunyezwa ukuze inkunkuma ingasiwa ezitiphini kwaye kusekwe amashishini amatsha.

Ukuphucula ulawulo lwenkunkuma koomasipala, iSebe lincedisa ngophuhliso lwezabo iziCwangciso  zoLawulo lweNkunkuma eziHlanganisiweyo, kunye noqeqesho kwimisebenzi yolawulo lwenkunkuma ezinzileyo.

Isebe likwabonelela kananjalo ngezithuthi ezingama-22 koomasipala abali-19 elizweni liphela.  Ngexabiso elipheleleyo elingama-R42 439 812.20 izithuthi ziquka iiSkip Loader Trucks, Front End Loaders, compactor trucks kunye nezinye iilori ezifunekayo ukuthutha inkunkuma kule mimandla.

Ngephulo lethu lenkxaso kumaphondo noomasipala, inkqubo yokuCoca nokuSusa iKhabhoni kooMasipala eqalwe kunyakamali odlulileyo iye yajonjana nokufundisa uwonkewonke, ukungcolisa, koomasipala abangama-36 elizweni liphela.  Kukonke ngamathuba emisebenzi angama-3000 adaliweyo njengoko siphucula impilo yokusingqongileyo kwezi ndawo zoluntu.

Sihlalo wendlu obekekileyo;

Imisebenzi yezokuloba yeyona inegalelo ekufumanekeni kokutya kunye nokukhula koqoqosho lwasekhaya.  Kunyaka ophelileyo siye sajongana neqela lemingeni enganxulumananga nje kuphela nolwabiwo lwamalungelo ezokuloba, kodwa ngokuphathelene kananjalo neziphumo ezisolwayo zokuqhushumbisa kwenyikima kunye nemithombo yezokuloba.

Zonke ezi kujongwana nazo ngqo.

Ukuqinisekisa ukuba ookopolotyeni beMisebenzi yezokuLoba bazinze ngokungaphaya, iSebe lethu liphuhlisa iinkqubo zenkxaso ngokuhlanganyelana neSebe loPhuhliso lwamaShishini amaNcinci kunye neqela looMasipala beengingqi ezo kulo nyaka zijolise ekukwazini ukuqonda imiba yezoshishino, ulawulo lwezimali kunye nempucuko kwimisebenzi kunye neenkqubo ezongeza ixabiso kwimveliso.  Siya kuququzelela ngokungaphaya ukuthengwa kwezixhobo zokuloba zookopoletyeni abazifunayo.

Iziphumo zenkqubo ye-FRAP ka-2021 zipapashwe ngowama-28 Februwari. Ngoku sijongene neziBheno zabo bonke abo bangonelisekanga yinkqubo.

Sonyula iQela leziBheno eliziMeleyo ukuba licebise mna, njengoGunyaziwe weziBheno, ngokwemfaneleko yesibheno ngasinye ukuqinisekisa ukuba inkqubo ifanelekile kwaye igqitywa kwangethuba.

Ndibongoza bonke ke abafaki zibheno kunye namaqela anomdla nachaphazelekileyo ukuba bafake izibheno zabo ngawo okanye ngomhla wokugqibela wobusuku bama-29 Meyi 2022.

Iimpembelelo zamaphando eenyikima ezisekelwe elwandle kwimimandla ekhuselweyo yaselwandle kunye neshishini lezokuloba ngumba ongundoqo kuluntu ngokubanzi.  La maphando aqalwa kudala ukusukela ngoo-1950, kwaye uMzantsi Afrika uye wafaka isandla kwiqumrhu kwinzululwazi yesiseko kumba lo.

Ukuqinisekisa ukuba amanyathelo okunciphisa akhusela yomibini imithombo yethu yendalo kunye neyemisebenzi yethu yezokuloba, iSebe lineenjongo zokuphuhlisa inkqubo yophando kumaphando eenyikima kunye neempembelelo zazo kumanzi ethu asekhaya.

Olu phando luza kuqala kulo nyaka kwaye luza kuqala ngokujonga emva ukumisela ukuba kukho naziphi na iimpembelelo ezibonakalayo kwimimandla yamalwandlekazi apho amaphando eenyikima sele enziwe kule minyaka imbalwa idlulileyo.

Malungu abekekileyo,

Ukujongana nokuzingela okungekho mthethweni kwizilwanyana zasendle zelizwe lethu kuye kwabekwa phambili ngurhulumente amaphondo kunye namacandelo athwaxeke kanobom lolu lwaphulomthetho ngokufumana inkxaso ebanzi kwiSebe.

Ekuqaleni kukaFebruwari siye sacinga nzulu ngeenkcukacha manani zokuzingela ngokungekho mthethweni kwaye ngexa sikuvuma ukwehla okuthe ngcembe ekuzingelweni ngokungekho mthethweni eKruger National Park, uxinzelelo lokuzingela ngokungekho mthethweni luye lwatshintsha elizweni xa lilonke iKwaZulu-Natali isiba ngummandla wojoliso olungundoqo lwala maqela emigwewu olwaphulomthetho.  

Ngenxa yamazinga awothusao okuzingela ngokungekho mthethweni kwelo phondo, imithombo engundoqo yesebe iye yakhutshelwa ukuxhasa iEzemvelo KZN Wildlife kunye ne-SAPS. Le iquka uncedo ekuqokeleleni ulwazi kunye namaphando ahlanganyelweyo, inkxaso kumagosa ezomthetho kunye nabaPhathi beMisebenzi eHlanganyelweyo, kuquka iziko lolawulo eHluhluwe Imfolozi Park eliyinxenye yeeNdawo zeziLwanyana zaseNdle eHlanganisiweyo.

Ngokuphathelene nomsebenzi owenziwa yikomiti ephambili phantsi kwePhulo lesi-5 leOperation Phakisa, inkxalabo engamandla isahleli iyinyani yokuba yimfuno ephezulu kunye namaxabiso aphezulu ahlawulelwa iabalone ayaqhuba ukutsalela abantu eMzantsi Afrika kurhwebo olungavumelekanga.   INkxalabo efanayo kukususwa ngokungekho mthethweni okuqhubayo koNamvuna wasemaTyeni woNxweme lweNtshona kumalwandlekazi.   Yiloo nto iSebe liqhuba ukujolisa kwiinzame zokunyanzelisa umthetho xa lijongene nale misebenzi ingekho mthethweni.  

Ukuze sizijolise kwakhona iinzame zethu kulawulo lmthombo wonamvuna kunye nokuba lungathintelwa kwaye luliwe ngcono njani urhwebo olungavumelekanga, iSebe kunye noluhlu olubanzi lwamahlakani liza kuphuhlisa isicwangciso sokusabela esiqukayo nesiquka konke kunye nesicwangciso sokuthatha amanyathelo ukuthintela nokulwa urhwebo kunamvuma othathwa ngokungekho mthethweni 

Sihlalo wendlu obekekileyo;

Mandigqibezele ngokubulela uSekela Mphathiswa wethu uNks. Makhotso Sotyu, ngamandla kunye nenkxaso yakhe kuyo yonke imimandla yomsebenzi weSebe; umbulelo wam ongazenzisiyo uya kuMlawuli Jikelele uNks. Nomfundo Tshabalala ngolawulo lwakhe olungatshintshiyo nolucokisekileyo kwimisebenzi emininzi neyahlukahlukeneyo ayikhokelayo.

Ndidlulisa umbulelo wam onagzenzisiyo kwiqela lezamaHlathi, ezokuLoba nokusiNgqongileyo ngokunjalo nooSihlalo beBhodi kunye nee-CEO nabaphathi bamaZiko ethu ngako konke ukuzinikela kwabo kwimicimbi yokusingqongileyo kunye nokusetyenziswa ngokuzinzileyo kwemithombo yendalo yelizwe.

Okokugqibela ndibulela iKomiti yePotifoliyo yethu ekhokelwa ngongenakoyiswa oBekekileyo uFaith Muthambi ngokusoloko esenza silindele nantoni na enokwenzeka!

Ndiyabulela

About

We are professional and reliable provider since we offer customers the most powerful and beautiful themes. Besides, we always catch the latest technology and adapt to follow world’s new trends to deliver the best themes to the market.