Skip to main content

Isishwankathelo segunya nemisebenzi YeSebe lezamaHlathi, ezokuLoba noKusingqongileyo

Umbono, injongo, iinqobo ezisemgangathweni

 

Umbono

Uluntu olunempumelelo nolulinganayo oluphila ngemvisiswano nemithombo yethu yendalo.

Injongo

Ukunika ubunkokeli kulawulo lokusingqongileyo, ulondolozo nokhuselo ngokubhekisele kuzinzo ukuze kuxhamle abantu baseMzantsi Afrika kunye noluntu lwehlabathi ngokubanzi.

Iinqobo ezisemgangathweni

Siqhutywa luLangezelelo lwethu njengabagcini kunye noonozakuzaku bokusingqongileyo, kufuneka siLawule iMeko kwaye sisebenzise ukucinga okuvelisa izinto ezintsha kunye nezisombululo kulawulo lokusingqongileyo olusekelwe kwindlela eGxile ebantwini enakana ukuba iBatho Pele ngundoqo, kuba kuxa sibeka abantu kuqala apho siya kusebenza ngeNgqibelelo, isithako esibalulekileyo kumbutho oqhutywa kukuSebenza ngamandla ofana nalo wethu.

 

Umdla

  • Sinomdla kakhulu kwiinqobo zethu ezisemgangathweni kwaye siziphila kwimisetyenzana yethu yemihla ngemihla
  • Sizinikele emsebenzini wethu kwaye senza okungaphaya koko bekufanele sikwenze
  • Sibonisa ibhongo kwigunya, injongo nakumbono wethu
  • Njengabagcini noonozakuzaku bokusingqongileyo, sinika inkonzo esemgangathweni kuluntu lwaseMzantsi Afrika
  • Sakha sikwakhuthaza imeko yokusebenza enika amandla nevuselelayo
  • Siziphakamisa kwaye sizixhase ngokuzithemba iimbono zethu, imiyalezo kunye nezimvo esinazo

 

Sigxile ebantwini

  • Sibonisa ukungafihli kunye nokuvuma ukufunda omnye komnye kunye nokuxhasa abanye kwiinzame zabo zokufunda kunye nokwandisa amandla abo
  • Sihlonipha kwaye sibulela amandla omntu ngamnye
  • Sibonisa uvelwano xa sisebenzisana nabanye
  • Sibonisa ubugcisa nokuzithemba, nakwiimeko ezinzima na
  • Sinika iingcebiso ezilungileyo njengabaphathi
  • Siyaxhasana kwaye sincedana
  • Sikhuthaza uzinzo kubomi basemsebenzini

 

Intembeko

  • Senza izigqibo ezisekelwe elwazini ukuze sibeke phambili iziphumo ukulawula umngcipheko
  • Siziphethe ngokweenqobo ezisesikweni kwaye sijongana size sikulungise ukuziphatha okungahambelani neenqobo ezisesikweni 
  • Sivumela kwaye simeme ingxoxo mpikiswano enyanisekileyo – siyamamela kuqala ukuze sivisisane
  • Sibahloniphile kwaye sibaxabisile bonke abantu, ngaphakathi kunye nangaphandle kombutho, ngemvelaphi yabo eyahlukileyo, amandla, izimbo nezimvo, kungakhathaliseki zikhundla zabo
  • Sinyanisekile kwaye sizigcina izibophelelo nezithembiso zethu esizenze kwabanye
  • Siqhuba iajenda ye-DFFE, kunokulandela umdla wethu
  • Siyasixhasa isigqibo sakube sithathiwe kwaye sibaxhasa sikwabona nokuhle kwabanye xa singekho kunye

 

Ukusebenza

  • Sijolise kwiinkalo zeziphumo zethu ezingundoqo kwaye silawula imisetyenzana eyehlisa impumelelo yazo okanye engenaxabiso kuzo
  • Samkela uxanduva ngezigqibo zethu, amanyathelo esiwathathayo neziphumo
  • Sisebenza njengeqela, sigxile emandleni omntu ngamnye ukufumana iziphumo zethu
  • Sibonisa ‘ulangazelelo lokwamkela nokuhlangabezana nemingeni’ kwaye sizamela ukuzifezekisa ngokukhawuleza iziphumo
  • Sinceda abanye basebenze kangangoko banako ngokunika ingxelo engafihliyo ngokwenziweyo kunye nangokuxhasa izicwangciso zabo zophuhliso bengabanye
  • Siyasebenzisana namahlakani ethu kunye nabachaphazelekayo kwizicwangciso zethu, kwiinjongo nakwizigqibo

 

Silawula imeko kunokusabela mva kuyo

  • Sisebenzisa ukucinga kunye nezisombululo ezivelisa izinto ezintsha
  • Samkela eyona nzululwazi, ulwazi nezenzo ezigqwesileyo ezifumanekayo
  • Sikulungele ukwamkela izimvo ezintsha, sivuma ukumamela kunye nokufunda kwabanye
  • Sizamela impucuko kwaye siqhuba sikwaxhasa utshintsho
  • Sisebenzisana nawo onke amaziko ombutho kwaye siphelisa ukusebenza kwabantu ngabanye okukhoyo
  • Sisebenza ngokubambisana namahlakani ethu kunye nabachaphazelekayo, ukuseka kunye nokulandela iinjongo ezinye 

 

Isishwankathelo segunya nemisebenzi YeSebe lezamaHlathi, ezokuLoba noKusingqongileyo

Igunya elisemthethweni kunye nomsebenzi ongundoqo weSebe lezamaHlathi, ezokuLoba noKusingqongileyo (Department of Forestry, Fisheries and the Environment) (DFFE) kukulawula, ukukhusela nokulondoloza indalo kunye nemithombo yendalo yaseMzantsi Afrika.  Eli gunya lisekelwe kwicandelo lama-24 loMgaqo-siseko weRiphabliki yaseMzantsi Afrika, 1996 (uMthetho we-108 ka-1996), elinika wonke umtu ilungelo loku (a) okusingqongileyo okungeyongozi kwimpilo okanye kwimpilontle yakhe; kunye (b) nokuba nokusingqongileyo okukhuselweyo ukuze kuzuze izizukulwana zangoku kunye nezexesha elizayo, oko kusenziwa  ngomthetho ofanelekileyo kunye nokuthathwa kwamanye amanyathelo.   

Ukwenza lisebenze eli lungelo lokusingqongileyo lomgaqo-siseko kunye nemfuno yolawulo olululo lokusingqongileyo kunye nophuhliso oluzinzileyo, i-DFFE iye yaphuhlisa inkqubosikhokelo yomthetho yolawulo lokusingqongileyo ebanzi/elawulayo.  Le nkqubosikhokelo yolawulo inemithetho yepalamente (imithetho yokusingqongileyo), imimiselo, imigaqonkqubo, iseti yemithetho, kunye neminye imithetho yolawulo ejolise ekukhuthazeni izenzo zolawulo lokusingqongileyo ezizizo ukuze kukhuselwe kulondolozwe okusingqongileyo ukuze kuzuze izizukulwana zangoku nezexesha elizayo. 

Ukongeza kuphuhliso, ukuphunyezwa kunye noqwalaselo kwakhona oluqhubayo lwenkqubosikhokelo yolawulo eqhubayo kulawulo lokusingqongileyo olululo, amanye amangenelo olawulo lokusingqongileyo abalulekileyo e-DFFE aquka ukwenza ukuba kuqondwe imiba engundoqo yendalo kunye nokukhuthaza inkcubeko yobutshantliziyo kokusingqongileyo kubemi, ukuphuhlisa izakhono kwicandelo, kunye nokuseka nokomeleza intsebenziswano yesizwe, yommandla neyehlabathi ukulungisa imingeni exhaphakileyo yokusingqongileyo. 

Umbono wexesha elide we-DFFE kukuba “noluntu olunempumelelo nolulinganayo oluphila ngemvisiswano nemithombo yethu yendalo", njengoko kuchaziwe kuyilo lwesicwangciso sethu sexesha eliphakathi.  Ukuxhasa impumelelo yalo mbono, i-DFFE ichonge injongo zesicwangciso ezintlanu, njengezilandelayo: 

  • Igalelo lezoqoqosho kokusingqongileyo lenziwe liphumelele kangangoko; 
  • Intembeko yokusiNgqongileyo/yeNdalo ikhuselwe kwaye inyuswa ngokungaphaya umgangatho wayo; 
  • Utshintsho lwezentlalo kwiindawo esihlala kuzo; 
  • Imiba ebalulekileyo yehlabathi iyaphenjelelwa kwaye kuhlangatyezwana  nezibophelelo; kunye
  • Nesebe elinako ukusebenza kwaye linika iziphumo ezifunekayo.

 

I-DFFE yakhiwe ngokwamacandelo ohlahlo lwabiwomali alithoba.  Icandelo ngalinye lilandela iseti yeziphumo zesicwangciso ezichongiweyo, ezijolise ekuphumezeni izibophelelo ze-DFFE ukuya kuyilo lwesicwangciso seminyaka emihlanu kwaye ekugqibeleni ukwenza inkqubela eqhubayo ngokubhekisele ekuphunyezweni kombono wexesha elide we-DFFE.

 

Iinkqubo, iinjongo, kunye neziphumo zesicwangciso

ICandelo loku-1: Ulawulo 

  • Injongo: Ukunika ulawulo olusebenzisa iindlela ezohlukeneyo, ukuphatha neenkonzo zenkxaso kwisebe
  • IziPhumo zeSicwangciso:
    • Ulawulo olululo nokuthobela iimfuno zomthetho kunye nolawulo lwezimali olunempumelelo
    • Igalelo eliphuculweyo kutshintsho olunxulumene nezentlalo noqoqosho kunye nokuxhotyiswa kolo luntu beluhlelelekile ngaphambili
    • Abasebenzi abanezakhono ezoneleyo nabaxhotyisiweyo abatshintshiweyo kwaye bemele iidemografi zohlanga nezesini zoMzantsi Afrika
    • Amandla emicimbi enxulumene nabasebenzi aphuculiweyo ecandelo

 

ICandelo lesi-2: UkuThotyelwa koLawulo nokuBeka iLiso kwiCandelo

  • Injongo: Ukukhuthaza uphuhliso lwenkqubo yomthetho enika igunya kunye nenkqubo yogunyaziso lokunika imvume eza kukhuthaza ukunyanzeliswa kunye nokuthotyelwa kunye nokuqinisekisa ulungelelwaniso ekusebenzeni kwecandelo
  • IziPhumo zeSicwangciso:
    • Uphucuko ekuthotyelweni komthetho wokusingqongileyo kwaye nemingcipheko  yokusingqongileyo incitshiswe
    • Iinkqubozikhokelo zolawulo ezilungelelanisiweyo zolawulo lokusingqongileyo, iinkqubo nezixhobo
    • Ukuphuculwa komthamo wabasebenzi kwicandelo

 

ICandelo lesi-3: AmaLwandlekazi namaNxweme

  • Injongo: Ukukhuthaza, ukulawula nokunika ulawulo olusebenzisa iindlela ezohlukeneyo kumalwandlekazi kunye nakulondolozo lwamanxweme
  • IziPhumo zeSicwangciso:
    • Ulawulo lomngcipheko kwintembeko yokusingqongileyo  nolondolozo lwendalo nokuyingqongileyo
    • Ulwazi olwandisiweyo, ubudlelwane phakathi kwezenzululwazi nabo badlala indima kwinkqubo yomgaqonkqubo 

 

ICandelo lesi-4: UTshintsho lweMozulu, uMgangatho woMoya noPhuhliso oluZinzileyo

  • Injongo: Ukukhokela, ukukhuthaza, ukuququzelela, ukwazisa, ukubeka iliso kunye nokuqwalasela kwakhona ukuphenjelelwa kozinzo lokusingqongileyo, ukukhutshwa ngokusezantsi kwekhabhoni, kunye nokomelela ngokukhawuleza kwimozulu kunye nomgangatho womoya kutshintsho loMzantsi Afrika oluya kuphuhliso oluzinzileyo
  • IziPhumo zeSicwangciso:
    • Utshintsho olufanelekileyo oluya kuqoqosho olusezantsi lwekhabhoni kunye noluntu olomelela ngokukhawuleza kwimozulu
    • Imingcipheko kumgangatho wokusingqongileyo nempilo yomntu incitshiswa
    • Intsebenziswano nehlabathi exhasa okuphambili kokusingqongileyo/uphuhliso oluzinzileyo eMzantsi Afrika

 

ICandelo lesi-5: Iindidi zezityalo nezilwanyana ezohlukeneyo noLondolozo  

  • Injongo: Ukuqinisekisa ulawulo nokuphathwa kweendidi zezityalo nezilwanyana ezohlukeneyo, imicimbi yamagugu amafa neyolondolozo ngendlela eququzelela  ukukhula kwezoqoqosho okuzinzileyo nophuhliso
  • IziPhumo zeSicwangciso:
    • Ulondolozo lwendalo nokuyingqongileyo, elawulwayo nesetyenziswa ngokuzinzileyo
    • Imingcipheko kwiindidi zezityalo nezilwanyana ezohlukeneyo zincitshiswe
    • Ufikelelo oluphuculweyo, olufanelekileyo noIwabelwano olunobulungisa lweenzuzo

 

 ICandelo lesi-6: IiNkqubo zoKusingqongileyo

  • Injongo: Ukuphumeza inkqubo eyandisiweyo kwezemisebenzi yoluntu kunye neeprojekthi ezinekhabhoni esezantsi kwicandelo lokusingqongileyo
  • IziPhumo zeSicwangciso:
    • Imisebenzi ephucukileyo engaphaya edalwayo negcinwayo, kulutsha, abasetyhini kunye nakubantu abanokukhubazeka ibekwa phambili
    • Indalo nokuyingqongileyo ebuyiselwa kwimo yangaphambili kwaye ilawulwe
    • Ulawulo lwemililo oluhlanganisiweyo
    • Izakhiwo, uqhelaniso kunye nokwehliswa kweengozi zentlekele
    • Amandla emicimbi enxulumene nabasebenzi aphuculiweyo ecandelo

 

ICandelo lesi-7: IMichiza noLawulo lweNkunkuma

  • Injongo: Ukulawula nokuqinisekisa ukuba imigaqonkqubo yemichiza kunye nolawulo lwenkunkuma nomthetho ziyaphunyezwa kwaye zinyanzeliswe ekuthotyelweni kogunyaziso lolawulo lwemichiza kunye nenkunkuma, imiyalelo nezivumelwano
  • IziPhumo zeSicwangciso:
    • Imingcipheko kumgangatho wokusingqongileyo nempilo yomntu zincitshiswe
    • Icandelo lengingqi likarhulumente elixhotyiswe ngokwaneleyo elikwaziyo ukwenza umsebenzi wolawulo lokusingqongileyo ngempumelelo

 

ICandelo lesi-8: ULawulo lwezamaHlathi

  • Injongo: Ukuphuhlisa nokuququzelela ukuphunyezwa kwemigaqonkqubo kunye neenkqubo ekujoliswe kuzo ukuqinisekisa ulawulo lwamahlathi, ukusetyenziswa ngokuzinzileyo nokukhuselwa komhlaba namanzi, kunye nolawulo lwemingcipheko kunye neentlekele zezolimo
  • IziPhumo zeSicwangciso:
    • Imveliso ezinzileyo kumahlathi karhulumente
    • Icandelo lamahlathi elitshintshileyo elingqinelana nesicwangciso esingundoqo
    • Amahlathi emveli elizwe ephethwe kwaye elawulwa ngokuzinzileyo
    • Imingcipheko kumgangatho wokusingqongileyo nempilo yomntu zincitshiswe

 

ICandelo le-9: ULawulo lwezokuLoba

  • Injongo: Ukuqinisekisa uzinzo, ukusetyenziswa kunye nofikelelo oluhamba ngendlela eyiyo kwimithombo ephila elwandle oko kusenziwa ngokuphathwa nolawulo olusebenzayo
  • IziPhumo zeSicwangciso: 
    • Inkqubosikhokelo yolawulo esebenzayo nenika igunya kulawulo kunye nophuhliso lwemithombo ephila elwandle nasemilanjeni (kumalwandlekazi, kumanxweme, emifuleni nasemadamini)
    • Icandelo lemisebenzi yezokuloba kunye nemisebenzi enxululemene nokufuya indalo yasemanzini ezinzisa kwaye iphucule ukukhula nophuhliso lwezoqoqosho
    • Iimeko ezinxulumene nezentlalo noqoqosho eziphuculweyo kuluntu olulobayo

About

We are professional and reliable provider since we offer customers the most powerful and beautiful themes. Besides, we always catch the latest technology and adapt to follow world’s new trends to deliver the best themes to the market.